18. Yabanelisa le ngxelo, baza bamdumisa uThixo, ngokuba kuthe kanti neentlanga ezi uThixo uyazinika ithuba lokuguquka, ukuze zidle ubomi.
19. Abakholwayo basarhazwa yintshutshiso yethuba lokufa kukaStefano. Abanye baphaphatheka, baya kutsho eFenike, eSipro, naseAntiyokwe. Babeluvakalisa udaba lweNkosi kumaJuda kuphela.
20. Kodwa abanye bamakholwa, amadoda aphuma eSipro naseKirene, aya eAntiyokwe, aluvakalisa udaba nakwiintlanga ezintetho isisiGrike, ezishumayeza iindaba ezimnandi ezingeNkosi uYesu.
21. Amandla eNkosi ayewafukamele loo madoda, laza iqela elikhulu labantu lazinikela eNkosini.
22. Le nto yenzekileyo ngabo yaya kuvakala nakwibandla laseJerusalem, laza lathumela uBharnabha eAntiyokwe.