Umsebenzi Wabathunywa 10:42-45 Ibhayibhile (XHO96)

42. Wasigunyazisa ukuba sishumayele ebantwini, singqine ukuba ungulowo uThixo amnyulele ukuba ngumgwebi wabahleliyo nabafileyo.

43. Bâthetha ngaye bonke *abashumayeli besithi wonke umntu ozinikelayo kuye uxolelwa izono zakhe ngamandla egama lakhe.”

44. Esathethanje uPetros, wehla uMoya oyiNgcwele phezu kwabo bonke abo babephulaphule.

45. AmaJuda akholwayo, lawo ayesuke noPetros eJopa, amangaliswa kukuba uThixo ezinike isipho soMoya oyiNgcwele neentlanga,

Umsebenzi Wabathunywa 10