Umika 6:2-9 Ibhayibhile (XHO96)

2. Kuveni ukubambana kukaNdikhoyo, zintaba.Phulaphulani, ziseko ezingatshitshiyo zehlabathi.UNdikhoyo ubabeka ityala abantu bakhe;ewe, ubeka isityholo kuSirayeli.

3. “Ngaba ndinenze ntoni, bantu bam?Kodwa-kodwa ndinidinise ngantoni?Hayi kaloku, ndiphenduleni!

4. Andithi ndanikhupha kwelaseJiputa;ndanikhulula kwilizwe lobukhoboka;ndaninika uMosis ukuba anikhokele,enoAronMfud 4:10-16 noMiriyam?

5. Bantu bam, senikulibele na ukucetyiswa kukaBhalaki ukumkani waseMowabhi?Aniyikhumbuli na impendulo kaBhalam unyana kaBhehore?Zona izigigaba zaseShitim naseGiligali?Yiqiqeni imisebenzi elungileyo kaNdikhoyo.”

6. Ndoya nantoni kodwa phambi *koNdikhoyo?Ndokhahlela ndinantoni kuThixo uPhezukonke?Ngaba ndoya namadini atshiswayo,ndiye namathole anyaka mnye?

7. Ngaba uNdikhoyo wokholiswa na ngamawaka-waka eenkunzi zeegusha,nangawo amawaka alishumi emilambo yamafutha omnquma?Ubugwenxa bam ndingabungxengxezela na ngezibulo lam,isono sam ngesiqhamo somzimba wam?

8. Ukuxelelwe, mntundini, oko kulungileyo –nditsho oko uNdikhoyo akufunayo kuwe:kukwenza ngobulungisa, uthande ububele,uhambe ngokuthobileyo kunye noThixo wakho.

9. UNdikhoyo ubhekisa ilizwi lakhe esixekweni.Bubulumko ukuthobela igama lakhe.Yigqaleni intonga yakhe nalowo wayimiselayo.

Umika 6