1. Hlanganisa umkhosi, wena sixeko sihlaselwayo!Kaloku thina basingqingile.Ke yena umlawuli kaSirayelibaya kumbetha ngentonga esidleleni.
2. “Kambe ke nawe, Bhetelehem yase-Efrata,udeleke unjalo kwizindlu zakwaJuda,kanti ke kwalapha kuwe ndiza kuvelisalowo uya kuba ngumlawuli kaSirayeli,omveli yakhe isukela kwamandulo,kwimihla yasephakadeni.”
3. Ke uSirayeli yena uya kulahlwaade ke lowo ulunywayo abeleke,ke bona abantakwabo babuyebeze bazibandakanye namaSirayeli.
4. Uya kumiselwa ukwalusa umhlambi,enamandla *kaNdikhoyo,enobungangamsha begama likaNdikhoyo uThixo wakhe.Ewe, bona bohlala bekhuselekilekuba kaloku ubungangalala bakhebofikelela nakwiziphelo zehlabathi.
5. Kaloku yena uya kuzisa uxolo.Xa ama-Asiriya elihlasela ilizwe lethu,egaleleka kwiinqaba zethu,sowakhuphela isixhenxe sabelusi –hayi, yoba sisibhozo samatshawe.