14. Nangoku nab' izipho zokwahlukana,ninikezele kwiMoresheti yaseGati.IAkezibhi yona ngumkhohlisi;ibagqibile ookumkani bakwaSirayeli.
15. Ke nina, bemi baseMaresha, ndiya kunizisela oya kunidla ilifa.Yena lowo usisidima sikaSirayeli uza kufika eAdulam.
16. Zilani nigugule nitsho ngeenkqayi ngenxa yabantwana enibathandayo.Chengezelisani ngeempandla ngathi lixhalanga;kaloku baza kuthathwa basiwe ekuthinjweni.