Umatewu 9:24-26 Ibhayibhile (XHO96)

24. waza wathi: “Khaniphume. Intombazana le ayibhubhanga; ilele nje.” Basuka bamwa ngentsini.

25. Bakuba bonke bekhutshiwe endlwini, uYesu wangena, wabamba isandla sentombazana leyo, wayivusa.

26. Yaduma loo nto kuwo wonke loo mmandla.

Umatewu 9