5. Kwathi uYesu akungena eKapernahum, wahlangatyezwa ngumphathi-butho wamajoni, owambongozayo
6. esithi: “Nkosi, isicaka sam silele ngendlu. Asisaphakami; sithuthunjelwa gqitha.”
7. UYesu wathi kuye: “Ndofika ndisiphilise.”
8. Waphendula umphathi-butho wathi: “Nkosi, andifanelekanga ukuba ungene phantsi kwentungo yendlu yam. Thetha nje ilizwi; sophiliswa isicaka sam.
9. Nam ndingumntu ophantsi kwegunya labanye, kwaye ndikwanamajoni aphantsi kwam: kweli ndithi: ‘Yiya,’ liye; kweliya ndithi: ‘Yiza,’ lize; kwisicaka sam ndithi: ‘Yenza oku,’ sikwenze.”
10. UYesu wamangaliswa akukuva oku, waza wathi kwababemlandela: “Inene, andikafumani namnye onokholo olungaka nkqu nakwaSirayeli.
11. Ndithi kuni, baninzi abaya kuvela empumalanga nasentshonalanga babe sesidlweni kunye noAbraham noIsake noYakobi apho lukhona ulawulo lukaThixo olufezekileyo.