Umatewu 8:22-28 Ibhayibhile (XHO96)

22. UYesu wathi kuye: “Yiba ngumlandeli wam wena, ubayeke abafileyo, bangcwabe abafileyo babo.”

23. Kwathi uYesu akukhwela esikhitshaneni, bahamba naye abafundi bakhe.

24. Kwehla isaqhwithi esikhulu elwandle apho, kangangokuba isikhitshana saphantse sagutyungelwa ngamaza. UYesu yena wayelele.

25. Abafundi baya kuye, bamvusa, besithi: “Safa! Nkosi, sisindise!”

26. Wathi kubo: “Kutheni na ukuba noyike kangaka, nina balukholo luncinane?” Waphakama ke, wawukhalimela umoya namaza, kwabakho ukuzola okukhulu.

27. Bamangaliswa abantu, baza bathi: “He bethu, ngumntu onjani lo ode alulanyelwe ngumoya nalulwandle!”

28. UYesu wafika kummandla waseGadara ngaphesheya koLwandle lwaseGalili, wadibana namadoda amabini awayevela emangcwabeni. Ayeneendimoni, ekhohlakele kangangokuba kwakungekho mntu wayenokuhamba ngaloo ndlela.

Umatewu 8