Umatewu 8:15-21 Ibhayibhile (XHO96)

15. Wabamba isandla sakhe; yamyeka ifiva, waphakama, walungiselela uYesu ukutya.

16. Kwakuhlwa kwaziswa kuYesu abantu abaninzi ababeneendimoni. Wazikhupha ngelizwi ezo ndimoni, wabaphilisa bonke abantu ababegula.

17. Oku wakwenza ukuze kuzaliseke ilizwi *lomshumayeli uIsaya elithi: “Wabuthathela kuye ubulwelwe bethu, wazisusa kuthi izifo zethu.”

18. UYesu akuyibona indimbane emngqongileyo, wayalela ukuba kuyiwe phesheya koLwandle lwaseGalili.

19. Kweza mchazi-mthetho uthile kuye, wathi: “Mfundisi, ndiya kuba ngumlandeli wakho, ndiye naphi na apho uthe waya khona.”

20. UYesu wathi kuye: “Iimpungutye zinemingxuma, neentaka zineendlwane, kodwa yena *uNyana woLuntu akanayo nendawo le yokufaka intloko.”

21. Omnye umfundi wathi kuYesu: “Nkosi, ndivumele ndiye kungcwaba ubawo kuqala.”

Umatewu 8