1. Akuhla entabeni apho uYesu, walandelwa ngabantu abaninzi.
2. Kwabonakala kusiza umntu oneqhenqa, owaqubuda phambi kwakhe, wathi: “Nkosi, ndiyazi ukuba unako ukundihlambulula ukuba uyathanda.”
3. Wasolula isandla uYesu, wamchukumisa esithi: “Ndiyathanda, hlambuluka.” Lahlambuluka kwangoko iqhenqa lakhe.
4. Waza wathi kuye uYesu: “Lumka ungaxeleli bani. Hamba uye kuzibonisa kumbingeleli, wenze umnikelo wezo zinto uMosis wazimiselayo, ube bubungqina ebantwini bokuhlanjululwa kwakho.”