Umatewu 7:5-10 Ibhayibhile (XHO96)

5. Mhanahanisindini, wukhuphe kuqala loo mqadi ukwelakho iliso! Wôbona kakuhle ke, ube nako ukusikhupha isibi esiselisweni lowenu.

6. “Musani ukukunika izinja okungcwele, kananjalo *iiperile zenu musani ukuziphosa ezihagwini, hleze zizinyathele ngamanqina, zijike ziniqwenge.”

7. “Celani nophiwa, funani nofumana, nkqonkqozani novulelwa;

8. kuba wonke umntu ocelayo uyazúza, nalowo ufunayo uyafumana, nalowo unkqonkqozayo uyavulelwa.

9. Ngubani na kuni onokuthi enonyana ocela isonka, asuke amnike ilitye;

10. okanye athi, akucela intlanzi, asuke amnike inyoka?

Umatewu 7