26. Ke wonke umntu owevayo la mazwi am, angawenzi, unokufanekiswa nendoda esisiyatha, ethe yayakha entlabathini indlu yayo.
27. Yana ke imvula, satsho isikhukula, wavuthuza umoya, yonke loo nto yagaleleka kuloo ndlu; yawa, yadilika didli!”
28. Akuba ewathethile la mazwi uYesu, isihlwele sabantu samangaliswa kukufundisa kwakhe,
29. kuba wayefundisa ngegunya, engafundisi njengabachazi-mthetho.