1. “Musani ukugweba, ze nani ningagwetywa nguThixo –
2. kuba ngokugweba enigweba abanye ngako, uThixo uya kunigweba kwangako nani; nendlela enabela abanye ngayo, nani niya kwabelwa kwangayo nguThixo.
3. Yini na ukuba usibone isibi esiselisweni lowenu, kanti wona umqadi okwelakho iliso akuwuboni?
4. Ungáthini ukuthi kuwenu: ‘Khawume ndikhuphe isibi esiselisweni lakho,’ kanti nango umqadi kwelakho iliso?