8. Ze ningafani nabo, kuba uYihlo uyakwazi enikusweleyo ningekaceli.
9. Thandazani ke ngoko nina nithi:“ ‘Bawo wethu osezulwini:Malaziwe lihlonelwe igama lakho,
10. malongame ulawulo lwakho,makwenziwe ukuthanda kwakho, emhlabeni njengasezulwini.
11. Sibonelele kwiintswelo zethu zemihla ngemihla;
12. usixolele amatyala ethu,njengokuba nathi sibaxolela abasonayo;
13. ungasiyekeli ekulingweni,koko sihlangule kumtyholi;[kuba ngenene nguwe olawulayo,namandla ngawakho, nodumo, kude kube ngunaphakade! Amen.]’
14. “Kaloku xa nibaxolela abantu izigqitho zabo, uYihlo osezulwini wonixolela nani.
15. Xa ningabaxoleli abantu izigqitho zabo, noYihlo akayi kunixolela iziphoso zenu.”
16. “Xa nizila ukutya, ze ningabi njengabo bazenzisayo, abazifanisa nabahluphekileyo. Kaloku babenza bubi ubuso babo, ukuze babonwe ngabantu ukuba bazilile. Inene, sebewufumene umvuzo wabo.