9. Kwazaliseka ke okwathethwayo *ngumshumayeli uJeremiya, esithi: “Bâwathatha loo maqhosha amashumi mathathu emali yesiliva, wona alixabiso lomntu (kuba lilo elo ixabiso lemali awamiselwa lona umntu ngoonyana bakaSirayeli),
10. baza bathenga umhlaba wombumbi-zitya ngawo, njengoko yandiyalelayo iNkosi.”
11. Wema ke uYesu phambi kwerhuluneli, yambuza isithi: “Unguye na ukumkani wamaJuda?”UYesu wathi: “Nawe utsho.”
12. Baza bammangalela ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu, kodwa yena akaphendula nento le.
13. Waza wathi kuye uPilato: “Akuziva na ezi zinto zininzi bakumangalela ngazo?”
14. Kodwa uYesu akaphendulanga konke, kangangokuba yada yamangaliseka mpela irhuluneli.
15. Ke kaloku *ngePasika irhuluneli yayidla ngokusikhululela isihlwele umbanjwa abe mnye – lowo ke sasisithi simcele.