Umatewu 27:7-19 Ibhayibhile (XHO96)

7. Babhunga ke, baza ngaloo mali bathenga umhlaba owawungowombumbi-zitya, ukuze ube yindawo yokungcwabela abasemzini.

8. Kungoko nanamhla oku lo mhlaba ubizwa ngokuba nguMhlaba weGazi.

9. Kwazaliseka ke okwathethwayo *ngumshumayeli uJeremiya, esithi: “Bâwathatha loo maqhosha amashumi mathathu emali yesiliva, wona alixabiso lomntu (kuba lilo elo ixabiso lemali awamiselwa lona umntu ngoonyana bakaSirayeli),

10. baza bathenga umhlaba wombumbi-zitya ngawo, njengoko yandiyalelayo iNkosi.”

11. Wema ke uYesu phambi kwerhuluneli, yambuza isithi: “Unguye na ukumkani wamaJuda?”UYesu wathi: “Nawe utsho.”

12. Baza bammangalela ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu, kodwa yena akaphendula nento le.

13. Waza wathi kuye uPilato: “Akuziva na ezi zinto zininzi bakumangalela ngazo?”

14. Kodwa uYesu akaphendulanga konke, kangangokuba yada yamangaliseka mpela irhuluneli.

15. Ke kaloku *ngePasika irhuluneli yayidla ngokusikhululela isihlwele umbanjwa abe mnye – lowo ke sasisithi simcele.

16. Babenombanjwa owayesaziwa kakhulu, ekuthiwa nguBharabha.

17. Sakuba ke isihlwele sihlanganisene, uPilato wathi kuso: “Nifuna ndinikhululele bani na: uBharabha okanye uYesu ekuthiwa nguKrestu?”

18. Watsho kuba esazi ukuba bamnikele ngomona uYesu.

19. Kwathi, uPilato ehleli esihlalweni sokugweba, inkosikazi yakhe yathumela kuye, isithi: “Uze ungamenzi nto loo mntu ulilungisa. Andonwabanga mpela namhlanje ngenxa yephupha endiliphuphe ngaye.”

Umatewu 27