Umatewu 27:58-61 Ibhayibhile (XHO96)

58. Yena waya kuPilato, wawucela umzimba kaYesu; waza uPilato wayalela ngokuthi makawunikwe.

59. Wawuthatha ke uJosefu umzimba kaYesu, wawusongela ngelinen ecocekileyo,

60. wawubeka kwelakhe ingcwaba awayesand' ukulixhola eliweni; waza waqengqa ilitye elikhulu, walivala ngalo ingcwaba, wemka.

61. Babelapho ngasengcwabeni ooMariya waseMagadala nomnye uMariya, behleli phantsi bebukele.

Umatewu 27