Umatewu 27:4-15 Ibhayibhile (XHO96)

4. esithi: “Ndonile ngokungcatsha igazi elingenatyala.”Kodwa bona bathi kuye: “Iyintoni ke loo nto kuthi? Zibonele ngokwakho.”

5. Wayiphosa phantsi *endlwini kaThixo apho loo mali, wemka, waya kuzixhoma.

6. Ababingeleli abaziintloko bayichola-chola loo mali, bathi: “Akuvumelekanga ukuba siyifake kweyeminikelo, kuba le mali yethenge igazi lomntu.”

7. Babhunga ke, baza ngaloo mali bathenga umhlaba owawungowombumbi-zitya, ukuze ube yindawo yokungcwabela abasemzini.

8. Kungoko nanamhla oku lo mhlaba ubizwa ngokuba nguMhlaba weGazi.

9. Kwazaliseka ke okwathethwayo *ngumshumayeli uJeremiya, esithi: “Bâwathatha loo maqhosha amashumi mathathu emali yesiliva, wona alixabiso lomntu (kuba lilo elo ixabiso lemali awamiselwa lona umntu ngoonyana bakaSirayeli),

10. baza bathenga umhlaba wombumbi-zitya ngawo, njengoko yandiyalelayo iNkosi.”

11. Wema ke uYesu phambi kwerhuluneli, yambuza isithi: “Unguye na ukumkani wamaJuda?”UYesu wathi: “Nawe utsho.”

12. Baza bammangalela ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu, kodwa yena akaphendula nento le.

13. Waza wathi kuye uPilato: “Akuziva na ezi zinto zininzi bakumangalela ngazo?”

14. Kodwa uYesu akaphendulanga konke, kangangokuba yada yamangaliseka mpela irhuluneli.

15. Ke kaloku *ngePasika irhuluneli yayidla ngokusikhululela isihlwele umbanjwa abe mnye – lowo ke sasisithi simcele.

Umatewu 27