35. Ambethelela ke emnqamlezweni uYesu, aza abelana ngezambatho zakhe, esenza amaqashiso ngazo.
36. Ahlala phantsi ke, amgada apho.
37. Ngasentla kwentloko yakhe abeka ityala lakhe, kubhalwe kwathiwa: “Lo nguYesu uKumkani wamaJuda.”
38. Kunye naye kwabethelelwa nezihange ezibini eminqamlezweni, esinye ngasekunene esinye ngasekhohlo.
39. Abadlulayo babemnyelisa uYesu, behlunguzela iintloko,
40. besithi: “Wena ochitha *indlu kaThixo, uyakhe ngeentsuku ezintathu, zisindise, ukuba unguye uNyana kaThixo. Yihla emnqamlezweni.”
41. Ngokukwanjalo nababingeleli abaziintloko bahlekisa ngaye, bekunye nabachazi-mthetho namadoda amakhulu, besithi: