20. Ke bona ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu basifunza isihlwele ukuba sicele uBharabha, yena uYesu atshatyalaliswe.
21. Yabuza irhuluneli yathi kuso: “Nguwuphi na kwaba babini enifuna ndinikhululele yena?”Sathi sona: “UBharabha.”
22. UPilato wathi kuso: “Ndimenze ntoni na ke uYesu ekuthiwa nguKrestu?”Isihlwele sonke sathi: “Makabethelelwe emnqamlezweni!”
23. Kodwa yena wathi: “Ngenxa yokuba enze bubi buni na?”Kodwa kwaba kokukhona isihlwele sidanduluka ngakumbi sisithi: “Makabethelelwe emnqamlezweni!”
24. UPilato, akubona ukuba akuncedi nto, kungathi kungasuka kubekho isiphithi-phithi, uthathe amanzi, wahlamba izandla zakhe phambi kwesihlwele, esithi: “Ndimsulwa egazini lalo mntu. Ziboneleni ngokwenu.”
25. Baphendula ke bonke abo bantu babelapho, bathi: “Igazi lakhe malibe phezu kwethu naphezu kwabantwana bethu.”
26. Wabakhululela uBharabha ke, waza yena uYesu wanikelwa ukuba akatswe, abethelelwe emnqamlezweni.