Umatewu 26:70-72 Ibhayibhile (XHO96)

70. Kodwa yena wakhanyela phambi kwabo bonke, esithi: “Andazani konke nale nto uyithethayo.”

71. Waphuma ke, esiya ngasesangweni, wabonwa sesinye isicakazana, esathi kwababelapho: “Naye lo wayenaye uYesu waseNazarete.”

72. Waphinda ke wakhanyela uPetros, wathi: “Inene, andimazi loo mntu.”

Umatewu 26