Umatewu 26:58-62 Ibhayibhile (XHO96)

58. Ke yena uPetros wamlandela uYesu, ebekele kude, wada waya kungena eyadini yomzi wombingeleli omkhulu, wahlala phantsi ndawonye nezicaka, ukuze abone ukuba kuya kuphelela phi na.

59. Ke ababingeleli abaziintloko nalo lonke *iBhunga babefuna ubungqina bobuxoki ngoYesu, ukuze bambulalise,

60. kodwa ababufumananga, nangona babebaninzi ababengqina ubuxoki ngaye. Ekugqibeleni kwavela ababini,

61. bathi: “Lo mntu uthe: ‘Mna ndingayichitha indlu kaThixo, ndibuye ndiyakhe ngeentsuku ezintathu.’ ”

62. Waphakama ke umbingeleli omkhulu, wathi kuYesu: “Akuphenduli nento le na? Yintoni kanye le aba bayingqinayo ngawe?”

Umatewu 26