49. UJudas ke waya kuYesu kwangoko, wathi: “Aa, Mfundisi!” Wamanga.
50. Waza uYesu wathi kuye: “Mfondini, uzokwenza ntoni apha?”Basondela ke, bambamba uYesu.
51. Wasuka omnye wâbo babenoYesu warhola ikrele, waxabela isicaka sombingeleli omkhulu, wasinqumla indlebe.
52. Waza uYesu wathi kuye: “Libuyisele endaweni yalo ikrele lakho. Bonke abasebenzisa ikrele, baya kutshabalala ngekrele.
53. Ngaba ùba andinako ukumcela uBawo, aze kwangoku andikhuphele amawaka-waka ezithunywa zezulu eziyimikhosi engaphezu kweshumi elinambini?
54. Bezinokuthini ke ngoko *iziBhalo ukungazaliseki, zona zithi kumele ukuba kube nje?”
55. UYesu ke ngelo xesha wathi kwindimbane: “Niphumele ukuza kubamba mna na, ninamakrele neentonga nje, ngokungathi niphumele isihange? Bendinani ndifundisa imihla ngemihla *endlwini kaThixo, naza anandibamba.
56. Kodwa kunje ukuze kuzaliseke okwabhalwayo *ngabashumayeli bamandulo.”Emva koko ke babaleka bonke abafundi bakhe, bamshiya.