47. Kwathi, uYesu esathetha, wathi gqi uJudas ongomnye wabafundi abalishumi elinambini, ehamba nendimbane inamakrele neentonga, iphuma kubabingeleli abaziintloko nakumadoda amakhulu.
48. Ke kaloku umngcatshi lowo wayevumelene nabo ngomqondiso, esithi: “Lowo ndithe ndamanga, nguye. Mbambeni.”
49. UJudas ke waya kuYesu kwangoko, wathi: “Aa, Mfundisi!” Wamanga.
50. Waza uYesu wathi kuye: “Mfondini, uzokwenza ntoni apha?”Basondela ke, bambamba uYesu.
51. Wasuka omnye wâbo babenoYesu warhola ikrele, waxabela isicaka sombingeleli omkhulu, wasinqumla indlebe.
52. Waza uYesu wathi kuye: “Libuyisele endaweni yalo ikrele lakho. Bonke abasebenzisa ikrele, baya kutshabalala ngekrele.
53. Ngaba ùba andinako ukumcela uBawo, aze kwangoku andikhuphele amawaka-waka ezithunywa zezulu eziyimikhosi engaphezu kweshumi elinambini?
54. Bezinokuthini ke ngoko *iziBhalo ukungazaliseki, zona zithi kumele ukuba kube nje?”
55. UYesu ke ngelo xesha wathi kwindimbane: “Niphumele ukuza kubamba mna na, ninamakrele neentonga nje, ngokungathi niphumele isihange? Bendinani ndifundisa imihla ngemihla *endlwini kaThixo, naza anandibamba.
56. Kodwa kunje ukuze kuzaliseke okwabhalwayo *ngabashumayeli bamandulo.”Emva koko ke babaleka bonke abafundi bakhe, bamshiya.
57. Abo babembambile uYesu, bamsa kuKayafa, umbingeleli omkhulu, apho babehlanganisene khona abachazi-mthetho namadoda amakhulu.
58. Ke yena uPetros wamlandela uYesu, ebekele kude, wada waya kungena eyadini yomzi wombingeleli omkhulu, wahlala phantsi ndawonye nezicaka, ukuze abone ukuba kuya kuphelela phi na.