Umatewu 26:19-23 Ibhayibhile (XHO96)

19. Benza ke abafundi njengoko uYesu wayebayalele ngako, bayilungiselela iPasika.

20. Kwakuhlwa ke, uYesu waya kuhlala etafileni, enabafundi bakhe abalishumi elinambini.

21. Xa babesitya, uYesu wathi: “Ndithi kuni, inene, omnye kuni uya kundingcatsha.”

22. Baza ke baba buhlungu, besithi kuye ngabanye: “Ngaba iya kuba ndim na, Nkosi?”

23. Wabaphendula wathi: “Lowo usithi nkxu esityeni isonka kunye nam, nguye oya kundingcatsha.

Umatewu 26