Umatewu 25:41-44 Ibhayibhile (XHO96)

41. “Wothi ke kwabo bangasekhohlo: ‘Mkani kum, nina baqalekisiweyo nguThixo, niye emlilweni ongunaphakade, olungiselelwe umtyholi nezithunywa zakhe;

42. kuba ndandilambile, naza ànandipha kutya; ndandinxaniwe, naza anandipha manzi;

43. ndandingowasemzini, naza anandamkela; ndandihamba ze, naza anandambathisa; ndandigula, ndandisentolongweni, naza ànandihambela.’

44. “Bophendula ke bathi: ‘Nkosi, ngaba sakubona nini na ulambile, unxaniwe, ungowasemzini, uhamba ze, ugula, okanye usentolongweni, saza àsakunceda?’

Umatewu 25