Umatewu 25:33-37 Ibhayibhile (XHO96)

33. Zona iigusha wozibeka ngasekunene kwakhe, iibhokhwe ngasekhohlo.

34. Ukumkani ke uya kuthi kwabangasekunene: ‘Yizani, nina basikelelweyo nguBawo, nixhamle uyolo lolawulo enalulungiselelwayo kwasekusekweni kwehlabathi;

35. kuba ndandilambile, nandipha ukutya; ndandinxaniwe, nandipha amanzi; ndandingowasemzini, nandamkela;

36. ndandihamba ze, nandambathisa; ndandigula, nandihambela; ndandisentolongweni, nandivelela.’

37. “Omphendula ke amalungisa esithi: ‘Nkosi, ngaba sakubona nini na ulambile, sakupha ukutya; unxaniwe, sakunika amanzi?

Umatewu 25