19. “Emva kwexesha elide yabuya inkosi yezi zicaka, yafuna ingxelo kuzo.
20. Seza eso sasinikwe ekumawaka amahlanu, siphethe kwanamanye amahlanu, sathi: ‘Nkosi, ubundigcinise imali ekumawaka amahlanu eerandi. Nantsi ke enye, mhlekazi, ekumawaka amahlanu endithe ndayizuza.’
21. Yaza yathi kuso inkosi yaso: ‘Ngxatsho ke, sicaka sam esilungileyo, esithembekileyo! Ubuthembekile kwizinto ezimbalwa; ndiya kukuphathisa izinto ezininzi. Ngena uchwayite kunye nenkosi yakho.’
22. “Seza neso sicaka sasinikwe ekumawaka amabini, sathi: ‘Nkosi, ubundigcinise imali ekumawaka amabini eerandi. Nantsi ke, mhlekazi, enye ekumawaka amabini endithe ndayizuza.’
23. Yaza yathi kuso inkosi yaso: ‘Ngxatsho ke, sicaka sam esilungileyo, esithembekileyo! Ubuthembekile kwizinto ezimbalwa; ndiya kukuphathisa izinto ezininzi. Ngena uchwayite kunye nenkosi yakho.’
24. “Seza ke neso sicaka sasinikwe ekwiwaka elinyé, sathi: ‘Nkosi, bendikwazi wena ukuba ungumntu ongqongqo, ovuna ongakuhlwayelanga, uqokelele ongakulimanga.
25. Bendisoyika, ndaza ndaya kuyembela ndayifihla imali yakho. Nantsi ke imali yakho, mhlekazi.’
26. Yaphendula inkosi yaso, yathi kuso: ‘Sicakandini esikhohlakeleyo, esilivila, ubusazi nje ukuba ndingumntu ovuna apho angahlwayelanga khona, aqokelele apho angachithanga khona.