Umatewu 25:1-14 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Ngelo xesha ulawulo lukaThixo luya kufana nokweentombi ezilishumi, ezazithathayo izibane zazo, zaya kuhlangabeza umyeni.

2. Ke ezintlanu kuzo zazizizidenge, ezintlanu zizizilumko.

3. Ezizizidenge zazithatha izibane zazo, kodwa azayipatha ioyile yokongeza.

4. Zona ezizizilumko zathi kunye nezibane zazo zahamba ziphethe ioyile ngezitya.

5. Umyeni walibazisa ukufika, zaza iintombi ezi zonke zozela zalala.

6. “Ezinzulwini zobusuku kwamenyezwa kusithiwa: ‘Nanko umyeni; phumani niye kumhlangabeza!’

7. Zavuka ke zonke iintombi ezo, zazilungisa izibane zazo.

8. Zaza ezizizidenge zathi kwezizizilumko: ‘Sipheni kwioyile yenu leyo, kuba izibane zethu ziyacima.’

9. Kodwa zalandula ezizizilumko, zisithi: ‘Hleze inganeli kuthi nakuni, yiyani kwabayithengisayo, nizithengele.’

10. Kwathi ke, zisaya, wafika umyeni, zaza ezo ntombi bezisezilungile zangena kunye naye emsithweni, kwaza kwavalwa emnyango.

11. “Kamva zafika nezinye iintombi ezo, zathi: ‘Nkosi, sivulele.’

12. Yaphendula yona yathi: ‘Ndithi kuni, inene, nina àndinazi.’

13. “Phaphani ke ngoko, ngokuba ningayazi imini kwanalo ilixa.”

14. “Kuya kuba njengomntu owathi, eza kuhambela kwelinye ilizwe, wazibiza izicaka zakhe, wayigcinisa kuzo impahla yakhe.

Umatewu 25