Umatewu 24:43-46 Ibhayibhile (XHO96)

43. Kakade ukuba umninimzi ebesazi ukuba isela lofika nini na ebusuku, nge-egadile, waza àkavuma ukuba kuqhekezwe endlwini yakhe.

44. Nani ke ngoko hlalani nizilungiselele, kuba uNyana woLuntu wofika ngexesha eningalilindelanga.”

45. “Ngubani na oseso sicaka sithembekileyo siqondayo, eyathi inkosi yaso yasimisa phezu kwabendlu yayo, ukuze sibanike umxhesho wabo ngexesha elililo?

46. Siyachulumacha eso sicaka eyothi inkosi yaso yakufika isifumane sisenjenjalo.

Umatewu 24