36. Ndithi kuni, inene, isohlwayo sazo zonke ezo zinto siya kuba phezu kwabantu besi sizukulwana.”
37. “Jerusalem, Jerusalem, wena mbulali *wabashumayeli, ubaxuluba ngamatye abo bathunywe kuwe nguThixo! Kunini na ndifuna ukubawola abantu bakho ngokwesikhukukazi esigquma amantshontsho aso ngamaphiko, waza àwavuma!
38. Niyabona ke, uThixo uyanifulathela nomzi wenu.
39. Ndithi kuni, ukususela ngoku anisayi kuba sandibona, de nithi: ‘Makabongwe lowo uzayo egameni leNkosi.’”