14. “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Niyayiphanga imizi yabahlolokazi, nize nihanahanise nitsho ngemilembelele yemithandazo. Ngenxa yoko niya kufumana esona sohlwayo sikhulu.]
15. “Mawoo, nina bachazi-mthetho nani baFarasi, mamenemenendini! Nityhutyha ulwandle nomhlaba ukuze nizuze nokuba mnye ongenayo ebuJudeni; kuthi ke, nakuba nimzuzile, nimenze ofanelwe sisihogo ngokuphindiweyo kunani.
16. “Mawoo, nina zinkokheli ziziimfama, nina enithi: ‘Ofunge *indlu kaThixo, akunto oko; kodwa ofunge igolide yendlu leyo, ubotshiwe sisifungo sakhe.’
17. Zidengendini zeemfama, kanene yintoni na enkulu? Ngaba yigolide leyo, okanye yindlu eyenza ibaluleke loo golide?
18. Kwakhona nithi: ‘Ofunge iqonga lamadini, akunto oko; kodwa ofunge umnikelo ophezu kweqonga, ubotshiwe sisifungo sakhe.’