Umatewu 22:6-9 Ibhayibhile (XHO96)

6. baza bathi abanye bazibamba izicaka ezi, baziphatha kakubi, bazibulala.

7. Waba nomsindo ke ukumkani, wathuma amajoni akhe, wabatshabalalisa abo babulali, wayitshisa idolophu yabo.

8. Waza wathi kwizicaka zakhe: ‘Okunene umsitho sewulungile, kodwa abamenyiweyo abafanelekanga.

9. Ke ngoko yiyani apho zihlangana khona iindlela, nibamemele emsithweni bonke abantu enibafumanayo.’

Umatewu 22