Umatewu 22:31-37 Ibhayibhile (XHO96)

31. Ngokusingisele kukuvuswa kwabafileyo, aniyifundanga na into ethethwe kuni nguThixo, esithi:

32. ‘Mna ndinguThixo ka-Abraham, uThixo kaIsake, uThixo kaYakobi’? UThixo ke akaThixo wabafileyo, ungowabaphilayo.”

33. Zathi izihlwele, zakukuva oku, zamangaliswa yimfundiso yakhe.

34. *AbaFarasi, bakuva ukuba uYesu ubavale umlomo *abaSadusi, bahlanganisana,

35. waza omnye kubo, onolwazi ngomthetho, wambuza emlinga,

36. wathi: “Mfundisi, owona myalelo mkhulu emthethweni nguwuphi?”

37. Waza uYesu wathi: “ ‘Uze uyithande iNkosi uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela, nangomphefumlo wakho uphela, nangengqondo yakho iphela.’

Umatewu 22