Umatewu 22:14-17 Ibhayibhile (XHO96)

14. Kaloku baninzi abamenyiweyo, kodwa bambalwa abanyuliweyo.”

15. Bâya kubhunga ke *abaFarasi, becebisana ngokumbambisa ngamazwi uYesu.

16. Bathumela abafundi babo kuye, *benamaHerode, bathi: “Mfundisi, siyazi ukuba uthembekile, uyifundisa ngenyaniso indlela kaThixo, kuba akucengi bani, ungenamkhethe.

17. Khawutsho ke, ngaba kuvumelekile na ukurhafa *kuKhesare, okanye akuvumelekanga?”

Umatewu 22