Umatewu 21:42-46 Ibhayibhile (XHO96)

42. UYesu wathi kubo: “Aniyifundanga na *eziBhalweni le ndawo ithi:“ ‘Ilitye abalidelayo abakhililo elaba lelona libalulekileyo lesiseko.Oku kwênzeka kuvela eNkosini;kungummangaliso emehlweni ethu.’

43. “Ke ngoko, ndithi kuni, ukulawulwa nguThixo kuya kuniphosa, kufunyanwe luhlanga oluzivelisayo iziqhamo zolawulo lukaThixo. [

44. Bonke abathe bawa phezu kweli litye botyumka; ke bona elithe labawela bocoleka.]”

45. Bakuyiva imizekeliso kaYesu, ababingeleli abaziintloko *nabaFarasi baqonda okokuba uthetha ngabo,

46. baza bafuna ukumbamba, kodwa babesoyika isihlwele esasisithi uYesu *ungumshumayeli.

Umatewu 21