Umatewu 21:33-43 Ibhayibhile (XHO96)

33. “Nangu omnye umzekeliso. Kwakukho umninimzi owatyala isidiliya, wasibiyela, wemba isixovulelo seediliya, wakha imboniselo, wasiqeshisa kubalimi, wahambela kwelinye ilizwe.

34. Lakufika ixesha lokuvuthwa kweziqhamo, wathumela izicaka zakhe kwabo balimi, ukuze amkele esakhe isabelo eziqhameni zesidiliya eso.

35. Basuka bona abalimi basibetha esinye isicaka, esinye basibulala, esinye basigibisela ngamatye.

36. Wabuya ke wathuma ezinye izicaka, zizininzi kunezokuqala, baza benza kwaloo nto nakuzo.

37. Emva koko wathumela unyana wakhe kubo, esithi: ‘Noko bomhlonela yena unyana wam.’

38. Kodwa abalimi, bakumbona unyana, bathethana bodwa, besithi: ‘Yindlalifa le. Yizani siyibulale, ilifa libe lelethu.’

39. Bambamba, bamphosa ngaphandle kwesidiliya, bambulala.

40. “Akufika ke umnini-sidiliya, uya kubathini abo balimi?”

41. Baza bathi kuye: “Uya kubatshabalalisa kakubi abo bantu bakhohlakeleyo, isidiliya eso asiqeshise kwabanye abalimi, abaya kumnika isabelo sakhe seziqhamo ngexesha lokuvuthwa kwazo.”

42. UYesu wathi kubo: “Aniyifundanga na *eziBhalweni le ndawo ithi:“ ‘Ilitye abalidelayo abakhililo elaba lelona libalulekileyo lesiseko.Oku kwênzeka kuvela eNkosini;kungummangaliso emehlweni ethu.’

43. “Ke ngoko, ndithi kuni, ukulawulwa nguThixo kuya kuniphosa, kufunyanwe luhlanga oluzivelisayo iziqhamo zolawulo lukaThixo. [

Umatewu 21