23. UYesu wangena endlwini kaThixo wafundisa. Beza kuye ababingeleli abaziintloko namadoda amakhulu, bathi: “Ezi zinto uzenza ngagunya lini? Ngubani okunike eli gunya?”
24. UYesu wabaphendula esithi: “Nam ndiya kunibuza umbuzo ube mnye. Ukuba nithe nandiphendula, ndonixelela ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.
25. Ngaba igunya likaYohane lokubhaptiza laliphuma ezulwini, okanye laliphuma ebantwini?”Baxoxa ke bodwa, besithi: “Ukuba sithe: ‘Laliphuma ezulwini,’ wothi: ‘Bekungani na phofu ukuba ningàkholwa kuye?’
26. Kodwa ukuba sithe: ‘Laphuma ebantwini,’ soyika isihlwele kuba bonke bathi uYohane *ungumshumayeli.”
27. Baphendula bathi kuYesu: “Asazi.”Waza yena wathi kubo: “Nam ke andinixeleli ukuba ndizenza ngagunya lini na ezi zinto.”
28. “Kwakukho umntu enoonyana ababini. Wathi kowokuqala: ‘Mntanam, yiya kusebenza esidiliyeni namhlanje.’
29. Wasuka waphendula wathi: ‘Andicingi.’ Kodwa kamva wazohlwaya, waya.
30. UYise lowo wathetha kwaloo nto nakomnye unyana, waza yena wathi: ‘Ewe, tata.’ Kodwa àkaya.
31. Khanitsho, nguwuphi kwaba bantwana oyenzileyo intando kayise?”Baza bathi: “Ngowokuqala.”Ke uYesu wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, abaqokeleli-rhafu namahenyukazi baxhamla ubuncwane bokulawulwa nguThixo ningekabuva nina.