Umatewu 21:17-21 Ibhayibhile (XHO96)

17. Wabashiya, waphuma esixekweni, waya eBhetani, walala khona.

18. Ngentsasa elandelayo, xa wayebuyela esixekweni, walamba.

19. Wathi ebone umkhiwane ngasendleleni, waya kuwo, kodwa akafumana siqhamo, yaba ngamagqabi kuphela. Wathi kuwo: “Makungaze kubekho siqhamo kuwe naphakade.” Waza woma kwangoko umkhiwane lowo.

20. Bekubonile oku, abafundi bakaYesu bamangaliswa, bathi: “Kutheni ukuba usuke wome ngokukhawuleza kangaka lo mkhiwane?”

21. Waphendula uYesu wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, ukuba niyakholwa, ningathandabuzi, niya kuba nako ukuyenza le nto ndiyenzé kulo mkhiwane, ngaphezu koko nibe nokuthi nakule ntaba: ‘Funquka, uphoseke elwandle,’ ize yenzeke loo nto.

Umatewu 21