29. Ekuphumeni kwabo eJeriko, uYesu walandelwa sisihlwele esikhulu sabantu.
30. Kwakukho iimfama ezimbini zihleli ngasendleleni, ezathi, zakuva ukuba kugqitha uYesu, zadanduluka zisithi: “Nkosi, Nyana kaDavide, senzele inceba!”
31. Isihlwele sazikhalimela ukuba zithi tu, kodwa zadanduluka ngakumbi zisithi: “Nkosi, Nyana kaDavide, senzele inceba!”
32. Wema ke uYesu, wazibiza, wathi: “Nifuna ndinenzele ntoni na?”
33. Zona zathi kuye: “Nkosi, sicela ukuba kuvulwe amehlo ethu sibone.”
34. Wavelana nazo ke uYesu, wawachukumisa amehlo azo, zaza kwangoko zaba nokubona, zamlandela.