Umatewu 20:29-34 Ibhayibhile (XHO96)

29. Ekuphumeni kwabo eJeriko, uYesu walandelwa sisihlwele esikhulu sabantu.

30. Kwakukho iimfama ezimbini zihleli ngasendleleni, ezathi, zakuva ukuba kugqitha uYesu, zadanduluka zisithi: “Nkosi, Nyana kaDavide, senzele inceba!”

31. Isihlwele sazikhalimela ukuba zithi tu, kodwa zadanduluka ngakumbi zisithi: “Nkosi, Nyana kaDavide, senzele inceba!”

32. Wema ke uYesu, wazibiza, wathi: “Nifuna ndinenzele ntoni na?”

33. Zona zathi kuye: “Nkosi, sicela ukuba kuvulwe amehlo ethu sibone.”

34. Wavelana nazo ke uYesu, wawachukumisa amehlo azo, zaza kwangoko zaba nokubona, zamlandela.

Umatewu 20