Umatewu 19:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Wathi uYesu akugqiba ukuwathetha la mazwi, wemka eGalili, wafika kwimida yelakwaJuda, phesheya kweJordan.

2. Walandelwa yinkitha yabantu, wabaphilisa.

3. Bafika kuye *abaFarasi, bambuza bemlinga, bathi: “Ngaba kuvumelekile na okokuba indoda imale umfazi wayo nangasiphi na isizathu?”

4. Wabaphendula wathi: “Aniyifundanga na *eziBhalweni le ndawo ithi: ‘UMdali wabadala kwasekuqalekeni bayindoda nomfazi.

Umatewu 19