1. Wathi uYesu akugqiba ukuwathetha la mazwi, wemka eGalili, wafika kwimida yelakwaJuda, phesheya kweJordan.
2. Walandelwa yinkitha yabantu, wabaphilisa.
3. Bafika kuye *abaFarasi, bambuza bemlinga, bathi: “Ngaba kuvumelekile na okokuba indoda imale umfazi wayo nangasiphi na isizathu?”
4. Wabaphendula wathi: “Aniyifundanga na *eziBhalweni le ndawo ithi: ‘UMdali wabadala kwasekuqalekeni bayindoda nomfazi.