27. Yavelana naso inkosi, yasixolela elo tyala, yasikhulula.
28. “Kwathi siphumanje eso sicaka, sadibana nomnye osisicaka kunye naso, owayesibamba imalana engephi, sambamba, samkrwitsha, sisithi: ‘Khupha imali yam!’
29. Sawa phantsi isicaka eso, sasibongoza esinye, sisithi: ‘Khawundimele; ndoyihlawula yonke.’
30. Asivumanga, saya sasiphosa entolongweni esinye, lide libe lihlawulekile elo tyala.