Umatewu 17:8-12 Ibhayibhile (XHO96)

8. Bawaphakamisa ke amehlo abo, àbabona mntu ngaphandle koYesu.

9. Xa babesihla entabeni, uYesu wabayala esithi: “Ze ningawuxeleli bani lo mbono, ade *uNyana woLuntu avuke kwabafileyo.”

10. Bambuza ke uYesu abafundi, besithi: “Kungani na ukuba abachazi-mthetho bathi uEliya umelwe kukufika kuqala?”

11. Waphendula wathi: “Ewe, okunene nguEliya omelwe kukufika kuqala, azilungise zonke izinto.

12. Mna ke ndithi kuni: uEliya selefikile, baza abantu àbamazi, koko bênza kuye konke abakuthandayo. Ngokukwanjalo naye uNyana woLuntu seleza kuviswa ubunzima ngabo.”

Umatewu 17