Umatewu 17:3-10 Ibhayibhile (XHO96)

3. Nâko kubonakala uMosis noEliya bethetha noYesu.

4. Wasuka ke uPetros wathi kuYesu: “Nkosi, kulungile ukuba sibe lapha. Ukuba uyafuna masakhe apha amaphempe abe mathathu: elinye libe lelakho, elinye libe lelikaMosis, elinye libe lelikaEliya.”

5. Esathetha kwabakho ilifu elibengezelayo, labasibekela; kwavakala nelizwi livela efini apho, lisithi: “Lo nguNyana wam endimthandayo; yivani yena.”

6. Bakukuva oko abafundi bawa phantsi ngobuso, besoyika kakhulu.

7. Waya kubo uYesu, wabavusa esithi: “Phakamani! Musani ukoyika!”

8. Bawaphakamisa ke amehlo abo, àbabona mntu ngaphandle koYesu.

9. Xa babesihla entabeni, uYesu wabayala esithi: “Ze ningawuxeleli bani lo mbono, ade *uNyana woLuntu avuke kwabafileyo.”

10. Bambuza ke uYesu abafundi, besithi: “Kungani na ukuba abachazi-mthetho bathi uEliya umelwe kukufika kuqala?”

Umatewu 17