Umatewu 17:15-21 Ibhayibhile (XHO96)

15. yathi: “Nkosi, menzele inceba unyana wam. Uphethwe kakubi sisithuthwane. Usoloko esiwa emlilweni okanye emanzini.

16. Ke bendimzisile kubafundi bakho, kodwa àbaba nako ukumphilisa.”

17. Waphendula uYesu wathi: “Sizukulwanandini esingàkholwayo, esigwenxa, koda kube nini ndinani, ndininyamezele? Mziseni apha kum!”

18. Wayikhalimela uYesu indimoni leyo, yaza yaphuma kumntwana lowo, waphila kwangoko.

19. Abafundi bakaYesu bêza kuye bucala, bathi: “Bekutheni kakade ukuze thina singabi nako ukuyikhupha le ndimoni?”

20. Wathi kubo: “Kungenxa yokulambatha kokholo lwenu. Ndithi kuni, inene, ukuba beninokholo olungangokhozo lwemostade, beninokuthi kule ntaba: ‘Suka apha, uye phaya,’ ize iye, kungabikho nto ininqabelayo.[

21. “Olu lona uhlobo alunako ukuphuma kungengako ukuthandaza nokuzila ukutya.”]

Umatewu 17