31. Zamangaliswa ke izihlwele ezo, zakubona izimumu zithetha, izilima ziphilile, iziqhwala zihamba, neemfama zibona; zaza zamdumisa uThixo kaSirayeli.
32. UYesu, ebabizele kuye abafundi bakhe, wathi: “Ndiyasivela esi sihlwele saba bantu bangakanana, kuba sekuziintsuku ezintathu bekunye nam, yaye ke àbasenanto ityiwayo. Andifuni ukubandulula bengatyanga, hleze baphelelwe endleleni.”
33. Baza bathi kuye abafundi: “Zingafumaneka phi na entlango apha izonka ezinokubanela abantu abangaka?”
34. Waza wathi kubo uYesu: “Zingaphi izonka eninazo?”Bathi ke bona: “Zisixhenxe, neentlanzi ezimbalwa.”
35. UYesu ke wasiyalela ukuba sihlale phantsi isihlwele;