Umatewu 15:24-28 Ibhayibhile (XHO96)

24. Waphendula wathi: “Ndithunyelwe kuphela kwiigusha ezilahlekileyo zakwaSirayeli.”

25. Weza ke, waqubuda kuye, wathi: “Nkosi, ndincede.”

26. Yena waphendula wathi: “Akufanelekanga ukuba ukutya kuthathwe kubantwana, kunikwe iinjana.”

27. Waphendula yena wathi: “Kunjalo, Nkosi, kodwa noko iinjana ziyatya kwimvuthuluka ewayo etafileni yabaninizo.”

28. Ke ngoko uYesu waphendula wathi kuye: “Mfazindini, lukhulu ukholo lwakho. Makwenzeke kuwe ngokomnqweno wakho.” Yaphiliswa ke intombi yakhe kwangelo xesha.

Umatewu 15