10. UYesu, eyibizele kuye indimbane, wathi: “Phulaphulani niqonde.
11. Umntu akangcoliswa yiloo nto ingena kuye ngomlomo; zizinto azithetha ziphume kuye ngomlomo ezimngcolisayo.”
12. Basondela kuYesu abafundi bakhe, bathi kuye: “Uyazi nje ukuba *abaFarasi bakhutyekisiwe yintetho yakho?”
13. Waphendula wathi: “Zonke izityalo ezingatyalwanga nguBawo osezulwini ziya kuncothulwa.
14. Bayekeni; baziinkokheli eziziimfama. Ke ukuba imfama ikhokela enye imfama, ziya kweyela zombini ezindongeni.”
15. Waza uPetros wathi: “Khawusicacisele lo mzekeliso.”
16. UYesu wathi kubo: “Kanti nani nikwanje na ukungaqondi?