Umatewu 15:1-6 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwafika *abaFarasi nabachazi-mthetho kuYesu, bevela eJerusalem, bambuza besithi:

2. “Kutheni abafundi bakho bengasilandeli nje isithethe samanyange, le nto batya isonka ngezandla ezingahlanjwanga?”

3. Wabaphendula wathi: “Nina, kutheni ukuba nithi ngenxa yesithethe senu, ningawenzi umthetho kaThixo?

4. Kaloku uThixo wathi: ‘Beka uyihlo nonyoko,’ watsho nokuthi: ‘Othuka uyise, nokuba ngunina, makabulawe.’

5. Kanti nina nithi ukuba ubani unento angamnceda ngayo uyise nokuba ngunina, kodwa asuke athi loo nto ingumnikelo kuThixo,

6. akasavumelekanga ukumenzela nto ngaloo nto uyise nokuba ngunina. Ngokwenjenjalo nithi ngenxa yesithethe senu, nilenze into engento ilizwi likaThixo.

Umatewu 15