9. Oneendlebe zokuva makeve.”
10. Beza kuYesu abafundi bakhe, bathi kuye: “Kutheni na ukuba uthethe nabo ngemizekeliso?”
11. Waphendula wathi: “Kungenxa yokuba nina nikunikiwe ukuzazi iimfihlelo ezingolawulo lukaThixo, kodwa bona abakunikwanga.
12. Lowo unako uya kunikwa, abe nako nangaphezulu; kodwa lowo ungenako uya kuhluthwa kwanoko anako.
13. Ngenxa yoko ndithetha nabo ngemizekeliso. Kaloku bebona nje, ababoni; besiva nje abeva, bengaqondi nakuqonda.
14. Kwenzeka kubo njengoko *umshumayeli uIsaya walithethayo ilizwi likaThixo esithi:“ ‘Nàkuphulaphula niphulaphule, ningaqondi noko;nàkujonga nijonge, ningaboni nto.